Imibuzo ehlala ibuzwa
Isithuthi sethu sikawonke-wonke esicwangcisiweyo
1. Yintoni igo george?
Yinkonzo yezothutho kawonke-wonke ecwangcisiweyo ebonelela ngeebhasi ezininzi ezithembakeleyo, ezifikelelekayo, ezikhuselekileyo kunye nezinamaxabiso afikelelekayo zabantu baseGeorge. I GO GEORGE sisiphumo solwahlulelwano phakathi koMasipala waseGeorge, urhulumente wephondo leNtshona-koloni, Isebe leZothutho leSizwe kunye noosomashishini beeteksi kunye nabebhasi basekhaya abavela kummandla waseGeorge. Iibhasi eziphawulweyo zeGO GEORGE zisebenza kuso sonke isixeko saseGeorge kwaye kamva ziya kudibanisa needolophu ezisebumelwaneni.2. Bekutheni ukuze kufikelelwe kwisigqibo sokuvelisa iprojekthi elolu hlobo?
Urhulumente weSizwe uvelise umbono weenkqubo zothutho zikawonke-wonke ezikhuselekileyo, thembakeleyo, ezifikelelekayo kunye nezinamaxabiso afikelelekayo kulo lonke ilizwe. Urhulumente wasekhaya (oomasipala kunye nezixeko ezimbaxa) banikwe umsebenzi wokumisela iinkqubo zabo, bethathela ingqalelo izidingo kunye neemeko ezinxulumene nommandla ngokwawo. Injongo kukuqinisekisa ukuba abantu abangaphezulu banokufikelela kwimo yezothutho ebenza babenako ukufikelela kumathuba amaninzi eentlobo ngeentlobo zentlalo noqoqosho. Iprojekthi ivele kwinjongo yokuphucula ukuhamba hamba kwindlela ende yaseSandkraal Road (eyiNelson Mandela Boulevard ngoku) edibanisa izitrato ezincinci nezinkulu kwiindawo ezithile ekuqondeni ukuba oku bekungenakwenzeka ngaphandle kokuqonda kakuhle indlela ekumele kunikezelwe ngayo uthutho lukawonke-wonke kumele lunikezelwa kuninzi lwabemi abangenakufikelela kwinqwelo yabucala.3. Yintoni inzuzo eza nego george?
I GO GEORGE yenza uthutho lukawonke-wonke olucwangcisiweyo,khuselekileyo thembakeleyo, fikelelekayo kunye nolunamaxabiso afikelelekayo lube yinto ekhoyo kubantu abahlala kunye nabasebenza eGeorge. Ludibanisa uLuNtu luqhubela phambili uqoqosho kwaye lenze iGeorge ibe nomtsalane ngakumbi kumashishini nabatyali-mali. Inyani yokuba abantu abangaphezulu bayakwazi ukuhamba kuso sonke isixeko sethu, ithetha ukuphuculwa komgangatho wobomi babantu bonke.4. Ingaba iibhasi zego george ziya kuthatha indawo yazo zonke ezinye iiteksi kunye neebhasi ezisebenza ngaphakathi kunye nakwiindawo ezijikeleze igeorge?
Ewe kunye nohayi. Ukungeniswa kweenkonzo zebhasi phakathi kommandla kamasipala kuya kuqaliswa ngamanqanaba kwaye kuya kubakho iibhasi ezincinci ezilinganiselweyo ezisebenzayo kwixesha elizayo. Ukusebenza kweebhasi kunye neeteksi ezihamba imigama emide, kunye neenkonzo zeziqeshwayo akusayi kuchaphazeleka.5. Ingaba amashishini asekhaya ezothutho ebebandakanyiwe na ekuyileni naseku-phuhliseni le projekthi?
Ewe. Abo somashishini beeteksi kunye nabeebhasi abanamaphepha- mvume okusebenza asemthethweni bekucetyiswene nabo kususela ekuqaleni. Iintlanganiso ezininzi bezibanjiwe kunye noluNtu kwaye bonke abantu abaqeshwe kumashishini bebebiziwe ukuba baze kubhalisa amagama abo kwirejista ekubhalwa kuyo abantu abachaphazelekayo. I-100% labanini zabelo beNkampani eshishina ngeenqwelo (VOC) ebizwa ngokuba yiGeorge Link (Pty) Ltd belingabanini bamaphepha-mvume okusebenza ngeeteksi kunye neebhasi basekhaya.6. Bafunyenwe njani/ phi abaqhubi?
Abaqhubi baqeshwa yiGeorge Link, i VOC kwaye bonke bafunyanwa kwiRejista yaBantu abachaphazelekayo. Abaqhubi bafumana uqeqesho lwabaqhubi oluphambili, uqeqesho kwimveliso ethile ukuze baqonde iimpawu zebhasi kunye nolunye uqeqesho lokusebenza phambi kokuba baqeshwe njengabasebenzi.7. Zikhangeleka njani iibhasi?
Iibhasi zobukhulu obungafaniyo ziyasebenza kwiindlela ezahlukeneyo ezikhutshwe yiGO GEORGE.Iibhasi ezinkulu ziya kusebenza kwiindlela ezinkulu, ngexa iibhasi ezincinci ziya kuthunyelwa kwiindlela zeendawo zokuhlala ezisebumelwaneni. Kwiibhasi ezinkulu kuya kubakho isithuba sempahla yomhambi, kunye nezinye izinto ezifana nekari yosana. Iibhasi ziya kuba neeplatfomu apho izitulo ezinamavili zingaqhotyoshelwa khona ngokukhuselekileyo, ngexa ilungelo lokuhlala lokuqala lisenziwa lifumaneke kubantu abadala, amakhosikazi akhulelweyo kunye nabanye abantu abanesidingo sokuhlala ebhasini.8. Zeziphi iindlela eziya kwenziwa zisebenze, kwaye yindawo engakanani yegeorge eya kufakwa phantsi kwale nkqubo?
Ekugqibeleni wonke ummandla kaMasipala waseGeorge uya kufumana inkonzo enothungelwano lweendlela eziya kuqinisekisa ukuba uninzi lwabemi basedolophini yaseGeorge luya kuba phakathi komgama wokuhamba wemizuzu emi-5-10 ukusuka kwindlela yebhasi. Kwixesha elizayo iindlela ziya kuveliswa ukunceda iindawo zabalimi basemaphandleni, kunye nokudityaniswa kweedolophu zasebumelwaneni zaseKnysna, Mosselbay kunye neTsorweni. Iwebhusayithi iya kuba nolwazi olungaphezulu njengoko inkqubo ikhula.9. Zingaphi iindawo zokumisa iibhasi kunye neendlela eziya kuphuhliswa?
Kwixesha lokuphunyezwa kokuqala kweGO GEORGE, ziindlela ezisisiseko ezingama-28 ezineendawo zokumisa ezingaphezulu kwama-700 ezicwangcisiweyo eziya kwenziwa zisebenze.10. Ziza kunatyiswa nini ngokupheleleyo iinkonzo?
NgoDisemba/kweyoMnga 2014 inqanaba lokuqala laqalisa, laze labona ukusebenza kwemizila emine (Loerie Park ukuya kuMbindi woPhuhliso lweDolophu, eRosemoor ukuya koobhazabhaza beevenkile abaseGarden Route, Denneoord ukuya kuMbindi woPhuhliso lweDolophu kunye noMbindi woPhuhliso lweDolophu ukuya koobhazabhaza beevenkile abaseGarden Route oza kuba yinkonzo yebhasi esuka kuMbindi woPhuhliso lweDolophu ukuya eWilderness kwixesha elizayo) Ekupheleni kwenyanga kaFebruwari/kweyoMdumba 2015, inqanaba lesi-2 laqaliswa elinemizila ephakathi kweBlanco, Heatherlands kunye neHeather Park kunye noJikeleza weSixeko oncitshisiweyo. Inqanaba 3 laqaliswa ngoMeyi/kwekaCanzibe 2015 kwaye lanabisa imizila eya ePacaltsdorp, Rosedale, Syferfontein, imimandla yoshishino kunye noobhazabhaza beevenkile abaseGarden Route Mall, laze inqanaba 4B lanatyiselwa eParkdene, Ballotsview, Conville, Borcherds naseLawaaikamp ngoMatshi/kweyoKwindla 2020. Ukunatyiselwa kweenkonzo zebhasi ukuya eThembalethu (iNqanaba 4A) kwaqalisa kweyeNkanga/Novemba 2023, kuqalisa ngamanqanaba ukuthathela ingqalelo ingxinano yezithuthi kuloo mmandla. Le mizila iyathungelana omnye nomnye. Indawo esembindini kodwa ingeyiyo kuphela indawo yokutshintshela kwenye ibhasi, ngummandla ophithizelayo wezoThutho eGeorge, oseCradock Street, apho uninzi lwemizila luza kudibana khona. Ukumiselwa kwemizila eseleyo kuxhomekeke kwimiba eliqela kodwa ngowona mba ubekwe kwindawo ephambili. Iinkonzo zeebhasi ezijikeleza phakathi edolophini ziza kulandela xa kugqityiwe ngothungelwano lwesixeko.11. Ingaba igo george iyafana na nomyciti ekapa kunye noreyavaya erhawutini?
Ngeendlela ezithile ewe, nangona iprojekthi nganye inezinto zayo ezizodwa. Inkqubo yeGO GEORGE ithembele kwinkonzo yebhasi yothutho lukawonke-wonke esebenzisa isithuba sendlela esifanayo nezinye iinqwelo. Iindlela ezinkulu zeMyCiti neRea Vaya zisebenza kwiindledlana ezigcinelwe ezothutho ezinezikhululo zeebhasi zazo ezivaliweyo. Zonke ezi nkqubo zintathu kubhekiswa kuzo njengeeprojekthi zothutho lukawonke-wonke oluManyiweyo. Zinokuxhomekeka okwahlukileyo kwezinye iindidi zothutho ezifana nesporo umzekelo.12. Yintoni I brt kunye neirt?
Okubalulekileyo, omabini amagama abhekiswa kwiinkqubo ezintsha zothutho lukawonke- wonke eziveliswa kuwo wonke umhlaba. I BRT ithetha uthutho lwebhasi oluKhawulezayo apho inkqubo yothutho lukawonke-wonke isebenzisa iindledlana zebhasi ezigcinelwe ezothutho. I- IRT luthutho olukhawulezayo olumanyiweyo apho inkqubo isebenzisa IBRT kunye nokumanywa kweendlela zothutho ezahlukeneyo umz. isporo, iibhasi kunye neeteksi. Kwimeko ye GO GEORGE akukho ndledlana zinikwe ilungelo lokuqala zeBRT zibonelelweyo kweli nqanaba.13. Ivelaphi imali yale projekthi?
Ingxowa-mali ifunyenwe ivela kuwo wonke amanqanaba amathathu karhulumente kunye nengxowa-mali enkulu evela kurhulumente wesizwe, kunye nowephondo.1. Yintoni i-Smart Card seGo GEORGE?
I-Smart Card seGo GEORGE sikhangeleka njengekhadi lebhanki leplastiki kwaye sikhutshwa sikwaququzelelwa siStandard Bank. Abaninimakhadi bangakwazi ukufaka iihambo ngemiqulu eyahlukeneyo kunye neendidi zemirhumo yokukhwela kweli khadi kwikiyoski ezenzelwe oko, iikiyoski ezingoomahamba nandlwana kunye nabathengisi beGO GEORGE ababhalisiweyo.
Wonke umkhweli kufuneka abe nekhadi lakhe, kuquka nabantwana ukususela kwiminyaka yesi-4.
2. Ndilifumana phi, ndilifumana njani ikhadi?
Ii-Smart Card zeGO GEORGE ziyafumaneka kwezi ndawo zilandelayo, iintsuku ezi-7 ngeveki:
- Kwikiyoski zeSmart Card ezikwindawo ephithizelayo yezoThutho eGeorge eseCradock Street: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card ekoobhazabhaza beevenkile abaseGarden Route Mall: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card ekuNxantathu waseBlanco: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card esecaleni kweTruns, eNelson Mandela Blvd, eThembalethu: 05:30 – 18:30
- Isithuthi esingumahamba-nandlwana seGO GEORGE Smart Card (abakhweli baza kuzifumana izicwangciso)
Ixabiso leSmart Card:
- I-Smart Card sixabisa R41, kwaye abakhweli abaqalayo ukusithenga bafumana iihambo ezimbini simahla nesele zifakiwe kwikhadi labo xa
bebonisa isazisi sabo, isiqinisekiso sokuzalwa, incwadana yokundwendwela okanye iphephamvume lokuqhuba, okanye ikopi yazo. - Ii-R41 ezintsha kunye namakhadi okutshintshwa, kodwa ngaphandle kokukhwela simahla.
- Ungathengela abantwana bakho, abasebenzi okanye naye nawuphina omnye umntu amakhadi kwaye nabo baza kuzifumana iihambo ezimbini simahla kumakhadi abo ukuba uziphethe izazisi zabo. Ngaphandle kwezazisi, ungakwazi ukuwathenga amakhadi, kodwa awuzifumani iihambo ezisimahla.
3. Ndizifaka njani iihambo kwikhadi, kwaye zixabisa malini?
Xa i-Smart Card seGO GEORGE senziwe ukuba sisebenze kwindawo osifumene kuyo, iihambo zingafakwa kuzo naziphina iindawo, iintsuku ezi-7 ngeveki:
Iindawo zokusasazwa kwee-Smart Card zeGO GEORGE:
- Kwikiyoski zeSmart Card ezikwindawo ephithizelayo yezoThutho eGeorge eseCradock Street: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card ekoobhazabhaza beevenkile abaseGarden Route Mall: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card ekuNxantathu waseBlanco: 05:00 – 20:00
- Kwikiyoski yeSmart Card esecaleni kweTruns, eNelson Mandela Blvd, eThembalethu: 05:30 – 18:30
Izithuthi ezingumahamba-nandlwana zeGO GEORGE (izicwangciso ziyafumaneka apha)
I-Smart Card Uthungelwano lwabathengisi beSmart Card abongezayo kuphela (uluhlu luyafumaneka apha)
Iintlobo zentlawulo ezamkelekileyo ziza kuba yimali ezinkozo, amakhadi ebhanki ekutsalwa imali kuwo, amakhadi okuthenga ngetyala okanye amakhadi esibonelelo sakwaSASSA.
Iihambo esele zifakiwe kwikhadi soze ziphelelwe kwaye zihlala zisemthethweni zide zibe zisetyenzisiwe.
Iindleko zokuhamba:
Imirhumo yokukhwela ibhasi zeGO GEORGE isekelezelwe kumgama. Ngoku (Julayi/kweyeKhala 2025), akukho mizila ingaphezulu komgama oli-15 km, xa zonke iihambo nokugqithela kwenye ibhasi kugqitywe kwisithuba seyure ngomrhumo ofanayo.
Ixabiso leehambo (Julayi/kweyeKhala 2025)
10, okanye ngaphezulu: R13.45 ngohambo
2, 4, 6 okanye 8 iihambo: R14.80 ngohambo
1 uhambo: R17.90 ngohambo
Inani leehambo eziseleyo kwikhadi libhalwa kwirisiti ekhutshwelwa umninikhadi emva kokuchwetha ikhadi xa ekhwela ibhasi. Iinani leehambo eziseleyo kwikhadi ziza kubonakala kwirisiti xa usongeza iihambo.
4. Usisebenzisa njani iSmart Card seGO GEORGE
- Xa ukhwela ibhasi, umkhweli ubamba ikhadi phambi komatshini wokuskena ikhadi othabatha uhambo kwiihambo ezifumanekayo kwikhadi.
- Irisiti eneenkcukacha zohambo kunye nentsalela ekwikhadi, iyaprintwa. Ukuba kukho iihambo ezingonelanga kwikhadi, umatshini ofundayo uza kukubonisa oku.
- I-Smart Card seGO GEORGE singasetyenziswa kuhambo olunye/kumkhweli omnye kuphela ngexesha – umkhweli ngamnye kufuneka enesakhe iSmart Card. Oku kwenzelwe ukuphepha ukuchwetha kabini kunye nokulahlekelwa ziihambo kwikhadi.
5. Yintoni onokuyenza, uyenza nini:
Andikwazi ukukhumbula ukuba zingaphi iihambo eziseleyo kwikhadi lam.
Okona kulungileyo kukusoloko ugcine irisiti yohambo lwakho lokugqibela ebonisa iihambo eziseleyo kwikhadi lakho. Ukuba oko akufumaneki, yiya kuye nawuphi umntu osasaza amakhadi oza kuswayipha ikhadi lakho aze akunike inani leehambo eziseleyo kwikhadi. Qaphela ukuba abathengisi abongezayo abakwazi ukukunceda ngokuphathelele koku.
Ikhadi lam lilahlekile okanye libiwe.
Ikhadi lakho liphathe ngendlela efanayo naleyo uliphatha ngayo ikhadi lakho lebhanki okanye imali. Amakhadi alahlekileyo okanye abiweyo awukwazi ukuphinda uwafumane, kwaye kuza kufuneka uthenge ikhadi elitsha ngesixamali esingama-R41. Akukho xabiso liseleyo kwikhadi lakho elidala linokugqithiselwa kwikhadi elitsha.
Ikahdi lam ingathi alisebenzi (lonakele).
Yiya kuye nawuphina umntu osasaza amakhadi (ingengabo abathengisi abongezayo) oza kulivavanya ikhadi aze akunike elinye elitsha kwakamsinyane ngaphandle kweendleko ukuba kufumaniseke ukuba lonakele, aligcine ikhadi elidala. Emva kokuqinisekisa inani leehambo eziseleyo kwikhadi elonakeleyo, ixabiso liza kugqithiselwa kwikhadi elitsha kwakamsinyane.
Ikhadi lam lonakele kwaye alisasebenzi.
Yiya kuye nawuphina umntu osasaza amakhadi apho unokuthenga ikhadi elitsha ngesixamali esingama-R41, ulishiye kubo ikhadi lakho elonakeleyo ukuze bangqininise inani leehambo eziseleyo. Naziphina iihambo eziseleyo nezisemthethweni kwikhadi elonakeleyo ziza kugqithiselwa kwikhadi elitsha kwiintsuku ezimbini zoshishino.
Imirhumo yabaninimakhadi
Akukho mirhumo ihlawuliswayo ngokunikezelwa kwekhadi elitsha ukuba iSmart Card seGO GEORGE sifumaneka sonakele.
Umninikhadi uza kuba noxanduva lexabiso lokufumana ikhadi elitsha leGO GEORGE ukuba ikhadi lonakele.
6. Umgaqo-nkqubo wokubuyiselwa kwemali ngokubanzi
Umninikhadi oneSmart Card seGO GEORGE akanagunya lokubuyiselwa imali yalo naluphina uhambo oluseleyo phantsi kwazo naziphina iimeko.
7. Ukumisela inani leehambo eziseleyo kwikhadi
Inkqubo yolawulo lolwazi yaseStandard Bank iza kuba bubungqina bokugqibela besixamali esiseleyo kulo naliphina ikhadi.
8. Ubumfihlo bomninikhadi
Kwisihlo sokuba uMasipala waseGeorge afune iinkcukacha zobuqu kubaninimakhadi, olo lwazi luza kuhlala luyimfihlo kwaye lulwelwabucala.
IZiko leMinxeba leGO GEORGE, uMasipala waseGeorge kunye nabaphuhlisi/abalawuli benkqubo yeSmart Card sikaGO GEORGE baza kubugcina ubumfihlo kunye nokuba bucala bolwazi lobuqu ngaphandle kokuba obo bumfihlo okanye bucala buncanyiwe ngumninikhadi, okanye ngaphandle kokuyalelwa ngumyalelo wenkundla enegunya kwabo bantu bachaziweyo.
I-Smart Card seGO GEORGE siza kuba sesongenagama, ngamanye amazwi, akukho magama okanye manani eSazisi aza kubhalwa kwikhadi.
1. Zeziphi iiyure ezisebenza ngazo iibhasi?
Iibhasi ziya kusebenza phakathi kweeyure ezili-14-18 ngosuku, iintsuku ezisixhenxe ngeveki. Ukuphinda-phinda ngexesha elimisiweyo (iya kudlula kangaphi ibhasi) kuya kuxhomekeka kwibango labahambi ngenqwelo, ezinebhasi ezingaphezulu ngamaxesha apho ubuninzi bezihambandlela bufikelela kwincam. Izicwangciso- maxesha ziya kubonakala msinya kwiindawo zokumisa iibhasi. Ngoku, iihambo ezithile ziqala malunga neyesi-05:00 kusasa ze inkonzo iphela malunga nama-20:00. Olunye uhlengahlengiso luya kuphunyezwa ngokungqonge la maxesha kamsinya. Izicwangciso-maxesha zingabonwa kwakhona kwiwebhusayithi yethu kwa-www.gogeorge.org.za, okanye ungatsalela umnxeba kwindawo yethu yokutsalela umnxeba kwa-0800 044 044 malunga noncedo.
2. Ndinemoto – kutheni kudingeka ukuba ndisebenzise ibhasi yego george?
Uthutho lukawonke-wonke lunenceba kokusingqongileyo, kwaye longa ngaphezulu kunokuqhuba inqwelo yabucala, lucutha
ingxinano yezithuthi kwaye lulibazisa isidingo sokufuna ukuphucula ukuba nako kweziseko ezingundoqo zendlela ezikhoyo.
3. Ndingayikhwelela phi ibhasi yego george?
Khangela iindawo zokumisa iibhasi kuyo yonke idolophu. Yima kwindawo yokumisa ibhasi ze uphakamise
isandla sakho ukubonakalisa kumqhubi ukuba amise. Qinisekisa ukuba yibhasi efanelekileyo, kuba kukho ngamanye
amaxesha iindlela ezahlukeneyo ezisebenzisa indawo yokumisa ibhasi efanayo.
4. Ingaba iibhasi zikhuselekile kwaye zithembakele?
Ewe. I GO GEORGE iqulunqe iPhepha lamalungelo abantu abahamba ngesithuthi njengokuzibophelela kumgangatho wenkonzo
ngakuntu abahamba ngezithuthi. Ungalifunda eli Phepha lamalungelo abantu abahamba ngesithuthi kwiwebhusayithi yethu,
kwa http://www.gogeorge.org.za/index.php/passenger-info/customer-service. Abaqhubi bebhasi kuya kulindeleka ukuba
basoloko beqhuba ngenyameko kunye naphakathi komthetho. Njengoko inkonzo kudingeka ukuba ithobele
izicwangciso-maxesha, isantya sokuhamba kwebhasi siya kulinganiselwa, kwaye siya kuqwalaselwa ngokuzenzekelayo
ngendlela yenkqubo yokulandela umkhondo. Ukungaphumeleli ukuthobela kuya kubangela ukuba usomashishini
ngebhasi afumane izohlwayo zemali ezizenzekelayo. Iibhasi zethu zilungiswa rhoqo kwaye zinezithatha- mifanekiso
zikamabona-kude ezinomjikelezo wombane ovaliweyo kunye neqhosha lokuphaphazela elisebhasini, kwaye zonke iiarhente
zonyanzeliso lomthetho eGeorge ziyasebenzisana ukuqinisekisa ukhuseleko lwakho ngawo onke amaxesha.
5. Ndingakhwela nesilo-qabane sam ebhasini? Izinto zempahla yomhambi ezinkulu zona?
Zizilo-qabane ezinceda abantu abanobulwelwe kuphela (ezifana nenja yokukhokela ongaboniyo) ezivumelekileyo. Impahla
yomhambi ivumelekile, ukuba nje ungayiphatha ngokwakho, iyakwazi ukulunga phezu kwethanga lakho kwaye ukuba
ayihluphi abanye.
6. Ndingawudlala umculo wam ebhasini? Nditye nesidlo sam sasemini?
Hayi, ukutya kunye nokusela akuvumelekanga. Njengendlela yembeko nanjengophawu lentlonipho kwabanye, kufuneka
uncede usebenzise iisimameli esinxitya entloko sakho ukuba umamele umculo. Nceda ungenzi nayiphina into ebhasini
eya kubangela ukuhlupheka kwabanye okanye ibabangele bangonwabi okanye ibakhubekise. Qinisekisa ukuba
uyaqhelana nemigaqo yesithuthi, seGO GEORGE ebekiweyo ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyalonwabela
uhambo lwakhe. Abahambi ngesithuthi bangohlwaywa malunga nokungayihoyi le migaqo. Iikopi zale migaqo zixhonyiwe
kuyo yonke ibhasi, kunye nakwiwebhusayithi yethu: http://www.gogeorge.org.za/index.php/passenger-info/rules.
7. Bangazisebenzisa na iibhasi zego george abantu abakwizitulo ezinamavili kunye nabantu abanezidingo ezizodwa?
Ewe. Inkqubo iveliselwe ukuba ibe nokufikelela jikelele kangangoko kunokwenzeka kubo bonke abasebenzisi, ngoko ke utshintsho
oluthile sele lwenziwe kuyilo ukuqinisekisa ukuba kulula kangangoko kunokwenzeka kubahambi ngezithuthi abaneedidi ezithile
zezidingo ukuba basebenzise inkonzo. Umgangatho okufutshane wokukhwela ukusuka kwiindawo zokumisa iibhasi, kwiibhasi
ezinkulukazi uyafumaneka ngexa iibhasi ezincinci zinezilenge zokubonelela ngokufikelela. Ukugangatha okwenziwe ngezitena
ezizodwa kubonelelwe kwiindawo zokumisa iibhasi ukunceda abantu ababona luzizi, kunye nezithuba ezigciniweyo phakathi kuzo
zonke iibhasi zibonelelwe ukulungiselela izixhobo zokuhamba hamba ezifana nezitulo ezinamavili, izithuthuthu ezithile kunye
nezinye izinto ezinceda ekuhambeni. IGeorge, okwalo mzuzu, kuphela kwesixeko eMzantsi Afrika esineebhasi ezininzi
ezinokufikelela okupheleleyo.
8. Kuthetha ukuthini ukutshintshela phakathi kweebhasi ukuze ndifike kwindawo endisingise kuyo?
I GO GEORGE luthungelwano. Ngokuxhomekeke apho usingise khona, kungadingeka utshintshe kule bhasi uye kwenye ukuya
kufika kwindawo osingise kuyo. Kubalulekile ukwazi ukuba iindlela zidibana phi na ukuze ube nokucwangcisa utshintshelo lwakho.
Kubalulekile ukuba ucwangcise uhambo lwakho usebenzisa iimaphu ze GO GEORGE kunye nezicwangciso maxesha phambi
kokuba uqalise uhambo. Ungatshintshela naphina apho iindlela zidibanayo, kodwa kukho iindawo zotshintsheloezincedayo
kwimaphu yenkqubo. Xa ushiya ibhasi kwindawo yotshintshelo, khangela ukuba ukwindawo yokumisa ibhasi efanelekileyo malunga
nomtsi olandelayo wohambo lwakho. Kungadingeka ukuba unqumle indlela ukuze ubambe ibhasi echanekileyo eya kwicala
elifanelekileyo. Itikiti ngalinye lisemthethweni malunga neyure enye ukususela ngexesha olithenge ngalo ukuya kwixesha
okhwela ngalo ibhasi ukuya kwindawo yokugqibela osingise kuyo, apho kumele ulibonise kumqhubi ukuze istampu sexesha
sikhangelwe. Utshintshelo lusimahla ukuba itikiti lakho lisesemthethweni. Ngokutshintshela phakathi kweebhasi,
usinceda ekubeni senze inkqubo isebenze ngaphezulu kunye nasekugcineni imali yokuhamba kumgangatho ofikelelekayo.
Ukuba awuqinisekanga malunga nalapho kumele utshintshele khona ukuya kwenye indlela, buza kumqhubi wakho
okanye kummeli weGO GEORGE okhwele ebhasini, okanye utsalele umnxeba indawo yethu yokutsalela umnxeba
kwa-0800 044 044 ukuze uncedwe ekucwangciseni indlela yakho phambi kokuba uye kwindawo yokumisa ibhasi
9. Yintoni indlela ehamba macala omabini endlela?
Zonke iindlela zihamba macala omabini ngokwesiseko- zihamba kuzo zombini iindlela. Kanti, kumongo weenkcazelo zethu,
igama lisebenza ngakumbi kwezo ndlela ezijikelezayo zibuyele kulaa ndawo beziqale kuyo. Iindlela ezijikelezayo zibuyele kulaa
ndawo beziqale kuyo kumacala omabini endlela zithetha ukuba ungakhwela ebhasini kumacala omabini endlela, naphina
endleleni, kwaye ekugqibeleni uyakubuyela apho ubuqale khona. Umbono kukuba, njengomntu ohamba ngenqwelo, ungagqiba
ukuba leliphi icala eliya kukusa kwindawo osinge kuyo ngokukhawuleza kakhulu- kodwa zombini iindlela ziya
kukufikisa kuloo ndawo uya kuyo.
10. Kutheni kubakho isidingo sokuba ndime ebhasini ngamanye amaxesha ngelixa abanye behleli?
Ngexesha lokuhamba xa ubuninzi bezihambandlela bufikelela encochoyini abantu abahamba ngezithuthi bakhuthazwa ukuba bame kuba oku kuya kubanceda ukuba bafike kwiindawo abasingise kuzo kamsinya, kunokuba balindele ukuba ibhasi elandelayo ifike. Ibhasi ebukhulu buphakathi okanye busemgangathweni ayigcwelanga de zonke izitulo zibe zithathiwe KWAYE indawo zokuba ube nokuma zigcwele nazo, nenani labantu abahamba ngesithuthi elivumelekileyo elixhonywe kwibhasi nganye kufikelelwe kulo. Abaqhubi banyanzelekile ukuba bame kuzo zonke iindawo zokumisa ibhasi kwindlela yabo ukuba kukho abantu abahamba ngesithuthi abalindileyo. Ukungaphumeleli ukukhwelisa abantu abahamba ngesithuthi abalindileyo ngexa ibhasi ingekafikeleli kwiqondo lokugcwala ngokupheleleyo kukungabi navelwano., akwamkelekanga kwaye kukwaphula imiqathango yesivumelwano seGO GEORGE. Ngexa inkampani eshishinayo ingafumana isohlwayo xa kunokwenzeka oku, ukungaphumeleli ukugcwalisa iibhasi kongeza kwindleko yokunikezela ngenkonzo, mhlawumbi nakwindleko yetikiti lakho.Ukuma kuvumelekile kumgangatho webhasi wendawo esezantsi kwiibhasi eziphakathi kunye nezisemgangathweni, kodwa akuvumelekanga kwiibhasi ezincinci.
11. Ndingalufumana ulwazi olungaphezulu okanye ndingazifaka phi izimvo ngego george?
Uluvo lwakho ngenkonzo yeGO GEORGE luxabisekile kuthi kwaye lungaqwalaselwa malunga nokuphuculwa okanye nokulungiswa kwenkqubo yethu, ekuqinisekiseni ukuba sinikezela ngenkonzo esebenzayo. Sifuna ukunikhuthaza ukuba nitsalele iZiko lokuTsalela umnxeba leGO GEORGE (Inombolo yocingo olusemhlabeni olungahlawulelwayo) kwa- 0800 044 044 ukususela ngeyesi-6:00 de ibe ngama- 23:00 (iintsuku ezisixhenxe ngeveki), apho ii-arhente ezinolwazi oluphangaleleyo ziya kuninceda ngovuyo, thumela i imeyili kwa info@gogeorge.org.za okanye undwendwele kwa-www.gogeorge.org.za. Ungalithanda nephepha lethu lobuso bencwadi leGO GEORGE kwaye uhlale usemoyeni ngeendaba zemihla ngemihla kunye nangezaziso malunga nenkqubo.