Ukulungiselela ukunatyiselwa eThembalethu kwenkonzo yebhasi iGO GEORGE, kuza kwenziwa umfuziselo weehambo kulo mmandla iintsuku eziliqela ukususela ngoLwesibini umhla wama-29 Agasti 2023, mfuziselo lowo uza kuxhaswa liqela lezokhuselo, eleziseko eziluncedo nezingundoqo kunye nelesicwangciso senkqubo.
Ngethuba lalo mfuziselo wokuqhuba, oza kwenziwa kusetyenziswa iibhasi ezinombhalo ozuba kunye noluhlaza, elona xesha lithathwayo ukugqiba imizila eliqela ecetywayo ngebhasi kuza kumiselwa kwaye kukhangelwe ngokuthelekiswa nesicwangciso samaxesha esicetywayo.
NgokukaSodolophu waseGeorge, uAlderman Leon van Wyk, useza kwaziswa umhla ekugqitywe ngawo wenqanaba lokuqala kumanqanaba amathathu okunatyiswa kweenkonzo. “Siyazi ukuba abahlali kuloo mimandla bazilinde ngonxunguphalo iinkonzo zeebhasi kwaye olu phando-zimvo lolunye kumanyathelo okugqibela kwinkqubo yokunatyiswa kweenkonzo.